wp6d1152d4.png
© MMW 2005
wp6cc0b1f8.png
wp17773c3f_0f.jpg
wpf47f2c24_0f.jpg
AFRICA
wpe5823161.png

THE DIOCESE OF UMZI WASE TIYOPIYA

 

Thina siyi Tyalike echazwa kwisivumo sokholo saseNikeya, iTyalike Enye, Engcwele, Ekatolika, yabaPostile. Ezi zezona mpawu zine ezichaza eyona tyalike yobuKatolika ekumnombo wabaPostile. SiyiTyalike ebeka inkolo(faith) ngaphezulu kwezinto zonke. Sinengqiniseko epheleleyo yokuba esona siseko seTyalike ezinzileyo yinkolo yayo. Sahlukile kwiTyalike ezininzi ezijonga ukuzinza nokukhula kwazo ngamanani. Ndiyaqiniseka ukuba owona mbuzo onawo ngowokuba ithini inkolo yethu? Mandiqale ngokuthi le nkolo yethu isisambukru okanye sisixa esinye (one package) kwaye akuvumelekile ukuba ukhethe okanye ushiye okuthile, kufuneka uyigcine yonke ngobunjalo bayo.

 

Inkolo yethu yileyo yachazwa ngabaProfeti bezibhalo eziNgcwele kwiTestament endala, yatyhilwa kwimfihlakalo yobuntu buka Yesu Kristu, yaza yavakaliswa ngabaPostile njengoko iqulathwe kwizibhalo ezingcwele, yaza yafundiswa kwizizukulwana ngezizukulwana kwinkulungwana ngenkulungwana ziiBishopu, ooGqira neeTitshala zeTyalike(Fathers), mfundiso okanye nkolo leyo yakhuselwa ziindibano zosixhenxe zeeBishopu zeTyakile Enye, Engohlukananga kwinkulungwana yokuqala(Seven Ecumenical Councils of the Undivided Church), le nkolo yaza yamkelwa yagcinwa okoko yiTyalike iphela ngamaKristu aKatolika kwinkulungwana yokuqala, yaza yagqithiselwa kwizizukulwana ngezizukulwana ingakhange yongezwa okanye iguqulwe kude kube yilenkulungwana yethu.

 

SiyiTyalike ezibona inoxanduva lokugcina, ukukhusela, nokuvakalisa lonkolo ingaguqulwanga kwaye ingaphithikezwanga. Iimpazamo zamaKrestu amaninzi ingakumbi athi akwiNkolo yaKatolika yeyoguqula okanye ukufakelela izinto kulendyebo sinayo eyi Nkolo Katolika. Eyesibini impazamo kukucinga ukuba iNkolo Katolika yileyo yamaRoma(Roman Catholic). Yeyona mpazamo okanye imposiso leyo.

 

Umzekelo ngulo: Thina kwinkolo yethu siyigcinile kwaye siyayifundisa ngokupheleleyo imfundiso ngoMariya uNina weNkosi yethu uYesu Kristu.

 

Lo mfundiso yile:-

i) Kukuba uMariya nguye uNina kaThixo ngenene(Theotokos)

ii) Kukuba uMariya uyiyo iNtombi eNyulu nasemva kokuzalwa kukaYesu Kristu

iii) Kukuba uMariya ngalo lonke ixesha lokuphila kwakhe emhlabeni wayengenaso isono

iv) Kukuba icebo lika Thixo losindiso ngathi lafezeka okanye lagqibelela ngaye

v) Kukuba uMariya wanyuselwa ezulwini ubuqu kwakunye nomphefulo wakhe ukuze abeNgumcamagusheli wethu kuThixo

 

Okokugqibela thina asiyahluli iNkolo yethu kunqulo kuba sikholelwa ngokupheleleyo ukuba unqulo ngumphumela wento okholelwa kuyo(So we pray, so we believe).

 

Ukuba ufuna ukuqhagamshelana nathi ( If you wish to contact us ):

 

The Diocesan Office:

PO Box 632, Port Elizabeth 6000

Tel/ Fax: 27-41-4542880

 

Bishop Ordinary: The Rt Revd. Samuel Mzukisi Banzana

Email:mzu@imaginet.co.za

Tel: 27-41-3793221 Fax: 27-41-3793186

PO Box 14273, Sidwell

Port Elizabeth 6061, South Africa

 

Diocesan Secretary: The Very Revd. Canon Agrippas M. Gwelana

PO Box 632, Port Elizabeth, South Africa

Tel: 0827505386

 

Chancellor: c/o The Bishop Ordinary

 

 

wpe7edbc69.png
wpe7edbc69.png